1 Chronicles 28:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakubo bonke onyana bam, (ngokuba uyehova endipile onyana abaninzi,) umnyulile u‐Solomone unyana wam, ukuba ahlale pezu kweterone yobukumkani bukayehova pezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyule uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Koonyana bam bonke, ekubeni undinike oonyana abaninzi uYehova, unyule uSolomon, unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova, awalawule amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kubo bonke oonyana bam – ibe ke uNdikhoyo undiphe babaninzi – unyule unyana wam uSolomon ukuba ahlale esihlalweni sombuso kaNdikhoyo phezu koSirayeli.