1 Chronicles 28:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kum: u‐Solomone unyana wako, nguye oya kwaka indlu yam namabala am: ngokuba ndimnyulile yena abe ngunyana kum, nam ndiya kuba nguyise kuye:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kum, uSolomon, unyana wakho, nguye oya kulakhela indlu yam namasimi am; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana wam, ndibe nguyise kuye mna;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uthethe nam wathi: ‘Ngunyana wakho uSolomon oya kundakhela indlu kunye neenkundla zam, kuba ndinyule yena ukuba abe ngunyana wam, mna ke ndibe nguyise.