1 Chronicles 28:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, emehlweni o‐Sirayeli bonke, intlanganiso kayehova, nasezindlebeni zotixo wetu, gcinani nifune nokufuna yonke imiyalelo kayehova, utixo wenu; ukuze nilifuye elilizwe lilungileyo, nilishiyele abantwana benu emva kwenu libe lilifa kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilime eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, phambi kwamehlo kaSirayeli wonke, yimani indibano kaYehova naphambi kwendlebe yoThixo wethu, niyiphengulule yonke imiyalelo kaYehova uThixo wenu, ukuze nilidle ilifa eli lizwe lihle’ nize niyisebenzise libe lilifa koonyana bakho emva kwakho ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke ngoku ndiyakuyala apha phambi koSirayeli ephela nalo eli bandla likaNdikhoyo; ewe, ndithetha phambi koThixo wethu: Imiqathango kaNdikhoyo uThixo wakho yithobele ngenyameko, khon' ukuze nime kweli lizwe lihle kunene, nilidlulisele nakwizizukulwana ngezizukulwana, ukuze libe lilifa lazo ngonaphakade.