1 Chronicles 28:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, Solomone, nyana wam! yazi ke utixo kayihlo, umkonze ngentliziyo ekolisekileyo, nangompefumlo ovumayo: ngokuba uyehova ebuza intliziyo zonke, nako konke ukucinga kwenkumbulo nyakuqonda: ukuba uyamfuna, wofunyanwa nguwe; kanti ukuba uyamshiya, wokulahla kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo;ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena, nyana wam Solomon, uze umazi uThixo kayihlo uze umkhonze ngentliziyo epheleleyo nangomoya wothando; ngokuba uYehova uyazicikida zonke iintliziyo, uziqonda zonke iingcamango; ukuba nithe namquqela, nofunyanwa; ukuba uthe watyeka kuye, wonilahla kuphele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke wena, nyana wam Solomon, uze uhambisane noThixo kayihlo, umkhonze ngokuzimisela ngomxhelo wakho uphela nangengqondo evumayo, kuba kaloku uNdikhoyo uyayigoca-goca intliziyo, yaye ke uyaziqonda iinjongo zeengcinga zomntu. Ukuba uyamlangazelela uza kumfumana; kambe ke xa uthe wamlahla uya kukubukula kude kube ngunaphakade.