1 Chronicles 29:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati u‐Davide ukumkani kuyo yonke intlanganiso: u‐Solomone unyana wam, okupela kwonyuliweyo ngutixo, ungumfana, utambile; kanti umsebenzi umkulu: ngokuba itempile le asi yeyabantu, ye kayehova ongutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide ukumkani kwibandla lonke, USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani uDavide kwibandla lonke, uSolomon unyana wam, owanyulwa nguThixo ukuba abe yedwa, usemtsha, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba le ndlu yobukumkani asiyiyo eyomntu, yeyabantu kaYehova uThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uDavide wathetha nebandla likaSirayeli liphela, wathi: “Unyana wam uSolomon, lo unyulwe *nguNdikhoyo, noko uselula, yaye ke akanamava. Umsebenzi lo ke wona mkhulu, kuba eli bhotwekazi liza kwakhiwa asilamntu, koko lelikaNdikhoyo uThixo.