1 Chronicles 29:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bobako, Yehova! ubukulu, namandla, nobungcwalisa, nolwoyiso, nobungangamsha; ngokuba kukokwako konke okusezulwini nokusemhlabeni; bobako, Yehova! ubukumkani, opakamileyo uyintloko pezu kwonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho;bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nobungangamsha bobakho; ngokuba yokwakho yonke into esemazulwini nesemhlabeni; bobakho ubukumkani, Yehova; uphakamile wayintloko yeento zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla; naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu. Kaloku zezakho zonke ezisezulwini, kanti nezisemhlabeni ikwazezakho. Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo; uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.