1 Chronicles 29:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubutyebi nodumo luvela kuwe; wena uyapata ubukosi pezu kwonke; esandleni sako kuko ukwomelela namandla; kusesandleni sako ukukwenza kukulu nokukwomeleza konke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto;asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; kwaye esandleni sakho kukho amandla namandla; kwaye esandleni sakho kukwandisa nokomelela kubo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isidima nobutyebi ziphuma kuwe; wena ungumlawuli weento zonke. Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla. Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.