1 Chronicles 29:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyazi kanjako, Tixo wam! ukuba uyalinga intliziyo, nokuba uyatanda okulungeleleneyo. Mna, ngolungelelwano lwentliziyo yam, ndizinikile zonke ezizinto ngokuvuma; nakaloku, abantu bako, abakoyo apa, ndibabonile ngovuyo ukuba banike ngokuvuma kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye. Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo, ukholiswa yinyaniso. Mna ke, ekunyaniseni kwentliziyo yam, ndizincame ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto; yaye ngoku ndibone ngovuyo abantu bakho abakhoyo apha, benikela imibingelelo ngenxa yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyazi kambe, Thixo wam, ukuba wena uyayivavanya intliziyo, ukholiswa ngumntu othe ngqo. Ewe, zonke ezi zinto ndizinikela ngezandla ezivulekileyo nangeenjongo zokunyaniseka. Kananjalo nam ndibone ndatsho ndavuya xa aba bantu bakho abalapha namhlanje benikela kuwe ngezinwe ezinje.