1 Chronicles 29:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Davide kuyo yonke intlanganiso: Bongani ke uyehova, utixo wenu! Yandula yonke intlanganiso yambonga uyehova, utixo woyise babo, batoba ngapantsi, baziqubuda pambi kwoyehova, napambi kwokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova nakukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanimbonge uYehova uThixo wenu. Lonke ibandla lamdumisa uYehova uThixo wooyise, laqubuda, laqubuda kuYehova nakukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke uDavide wabhekisa ebandleni lilonke, wathi: “Dombozani nimdumise uNdikhoyo, uThixo wenu.” Ngoko ke bonke abantu bambonga uNdikhoyo uThixo wooyise-mkhulu; ewe, baduma, bakhahlela, bawa phantsi phambi koNdikhoyo naphambi kokumkani.