1 Chronicles 29:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
badla basela nokusela ebusweni bukayehova ngalomhla ngomgcobo omkulu. BAZA bamenza u‐Solomone unyana ka‐Davide ukumkani ngokwesibini, batambisa yena pambi kwoyehova ukuba yinkosi, no‐Tsadoki ukuba ngumperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu.USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini;bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yinganga, noTsadoki abe ngumbingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wadla wasela ngovuyo olukhulu phambi koYehova ngaloo mini. uSolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani okwesibini, bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yirhuluneli, noTsadoki abe ngumbingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini ke batya basela bedlokova yimincili apho phambi koNdikhoyo. Baza ke kwakhona abantu bamvuma uSolomon unyana kaDavide ukuba ungukumkani wabo, bamthambisa phambi koNdikhoyo ukuze abe ngumlawuli wabo, ke yena uZadoki abe ngumbingeleli wabo.