1 Chronicles 29:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo zonke inkosi, namagoṙa, kwa nabo bonke onyana bokumkani u‐Davide, banika isandla sokuba babe ngapantsi kwo‐Solomone ukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abathetheli, namagorha, noonyana bonke bokumkani uDavide, bazithoba kukumkani uSolomon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Onke ke amaphakathi, kunye namagorha, ngokunjalo nabo bonke oonyana bakakumkani uDavide, bafunga bazibophelela ekumthobeleni ukumkani uSolomon.