1 Chronicles 29:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wamenza mkulu u‐Solomone ngento egqitiseleyo emehlweni o‐Sirayeli bonke, wabeka pezu kwake ubungangamsha bobukumkani, obekungabangako obunjalo pezu kwomnye ukumkani obepambili kuye kwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova waqhubeka emkhulisa uSolomon ngeyona ndlela ibalaseleyo emehlweni oonyana bakaSirayeli bonke waza wamnika uzuko lwasebukhosini olwalungazange lubekho kuye nawuphi na ukumkani wakwaSirayeli ngaphambili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke amaSirayeli onke wawenza amhlonela uSolomon, abuthobela phezu kwakhe bonke ubunewu-newu bomntwan' egazi ngendlela apha engazange yenziwe kuye nawuphi na ukumkani kwabakwaSirayeli ngaphambi kwakhe.