1 Chronicles 29:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ixesha wabepata ubukumkani ngalo pezu kwo‐Sirayeli beliyiminyaka imashumi mane: e‐Hebrone wapata ubukumkani iminyaka yasixenxe; nase‐Yerusaleme wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamitatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mane; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imihla awalawula ngayo amaSirayeli yaba yiminyaka emashumi mane; Waba neminyaka esixhenxe engukumkani eHebron, yaye walawula eYerusalem iminyaka emashumi mathathu anantathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USirayeli wamlawula iminyaka engamashumi amane: yaba sixhenxe eHebron, yaza yangamashumi amathathu anantathu eJerusalem.