1 Chronicles 29:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kunye nako konke okwobukumkani bake namandla ake, nokwamaxesha abedlule pezu kwake, napezu kwo‐Sirayeli, napezu kwabo bonke ubukumkani bamazwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nalo lonke ulawulo namandla akhe namaxesha adluleyo phezu kwakhe naphezu koSirayeli naphezu kwezikumkani zonke zamazwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zikwalapho ke neenkcukacha zolawulo lwakhe nobungangamsha bakhe, kanti nabo bonke ubucukubhede beemeko ezinxulumene naye siqu, ngokunjalo noSirayeli, nezikumkani zawo onke amanye amazwe.