1 Chronicles 29:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
igolide ibe yeyokwegolide, nesilivere ibe yeyokwesilivere, neyemisebenzi yonke eya kwenziwa ngezandla zencibi. Ngubanina ke ovumayo ukuzalisa isandla sake namhla kuye uyehova?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba ibe yeye zinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Igolide yegolide, neyesilivere, neyemisebenzi yonke, yenziwe ngesandla seengcibi. Yaye ngubani okulungeleyo ukunikela inkonzo yakhe kuYehova namhlanje?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nazo zonke izinto eziya kwenziwa ngamagcisa. Namhlanje ke ndicela umngeni kuye wonke umntu ozivayo; makakhuphe nantoni na, anikele kuNdikhoyo!”