1 Chronicles 29:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bavuya abantu pezu kwokunika kwabo ngokuvuma, ngokuba bekungentliziyo ekolisekileyo bebenikile ngokuvuma kuyehova; no‐Davide ukumkani wavuya naye ngovuyo olukulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo;ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo olukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke abantu baba nemihlali ngenxa yokuba babenikele ngokuqhutywa yintliziyo, ngenxa yokuba babenikela imibingelelo kuYehova ngokuvumayo ngentliziyo epheleleyo; NoKumkani uDavide wavuya ngovuyo olukhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabantu ke bavuyiseka yindlela ezakuthakazelela ngayo iinkokheli zabo ukunikela; kaloku zanikela kuNdikhoyo ngezandla ezivulekileyo. Kananjalo ke naye ukumkani uDavide wavuya kakhulu.