1 Chronicles 4:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabiza u‐Yabetse kutixo wo‐Sirayeli, esiti: Wanga ungakolisa ukunditamsanqela, uwandise umda wam, siti isandla sako sibe kunye nam, uze u ndi nqande ebubini, ukuze bungandenzi buhlungu! Wati utixo wamamkelisa oko wakucelayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYabhetse wambongoza uTHIXO kaSirayeli, esithi: “Owu, ukuba ngokwenene uyafuna ukundisikelela waza wandisa ilizwe lam, ukuba isandla sakho sibe phezu kwam nokuba undikhusele ebubini, ukuze ndingandenzakalisanga. Waza uThixo wamnika oko akucelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYabeze lo wazibika kuThixo wakwaSirayeli, wathi: “Ngamana wandithamsanqelisa, wawandisa umhlaba wam. Nceda ube nam, undikhusele ebubini, ukuze ndingafi yintlungu.” Ke uThixo wamenzela loo nto ayicelileyo.