1 Chronicles 4:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Onyana baka‐Shela unyana ka‐Juda: ngu‐Here uyise we‐Leka, no‐Lahada uyise we‐Maresha, nezizalwane zendlu yabasebenzayo ngeqiya eshiceneyo, abendlu ka‐Shabeha,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaShela, unyana kaYuda, ngooEre ozala amaLeka, noLada ozala amaMaresha, nemizalwane yendlu yabasebenza ilinen ecikizekileyo, yendlu ka-Ashbheya;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaShela, unyana kaYuda, nguEre, uyise kaLeka, noLada, uyise kaMaresa, nemizalwane yendlu yabasebenza kakuhle, yendlu ka-Ashbheha;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakaShela, unyana kaJuda, nguEre ukhokho weLeka, noLada ukhokho weMaresha, nezindlu zabasebenza ilineni eBhete-ashbheya,