1 Chronicles 4:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bafumana idlelo elityebileyo elihle, nelizwe elibanzi, elonwabileyo, elixolileyo: ngokuba abaka‐Hame bebemi kona ngapambili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafumana idlelo elityebileyo, elihle; ngokuba bebemi khona abantu bakwaHam kudala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bafumana amadlelo atyebileyo amahle, ethe thabalala. Elo lizwe lalizolile, lonwabile. Kudala kwakumi amaHam apho.