1 Chronicles 4:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besiza aba ababa̔liweyo ngamagama emihleni ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, bacita intente zabo, nama‐Mahone abefunyanwa kona, babalahlela ekutshatyalalisweni kwada kwanamhla nje, bahlala ezikundleni zabo; ngokuba idlelo elilungele izimvu zabo beliko kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza abamagama abhaliweyo ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazidiliza iintente zabo, nezakhiwo ezafunyanwa khona, baziqalekisa unanamhla, bahlala emagumbini abo okudlela, ngokuba bekungekho namnye iintente amadlelo emihlambi yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda la madoda akhankanyiweyo afika awahlasela amaHam ezindlwini zawo, kwakunye namaMehun awayelapho, aza awatshabalalisa kwaphela, njengoko kusenjalo nangoku. Ahlala ezikhundleni zawo ke, kuba amadlelo alapho ebeyifanele impahla yawo.