1 Chronicles 5:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU onyana baka‐Rubene owamazibulo ka‐Sirayeli: (ngokuba nguye obengowamazibulo; kodwa, ngokukuba wanco̔lisa isilili soyise, kwanikwa ubuzibulo bake konyana baka‐Josefe unyana ka‐Sirayeli; koko bekungaba̔lelwa njengobuzibulo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, yena waba ngamazibulo; Kungokuba wasenza inqambi isilili sikayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli; ubuzibulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naba oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli. (Ke wahluthwa ubuzibulo bakhe kuba wasixabhela isilili sikayise, baza ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaJosefu unyana kaSirayeli. Emilibeni yokuzalwa akasabalwa ke ukuba ungowamazibulo.