1 Chronicles 5:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasemihleni ka‐Saule babesenza imfazwe nama‐Hagare, awa wona ngesandla sabo; baza bahlala ezintenteni zawo kulo lonke icala lasempumalanga le‐Gileyadi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngemihla kaSawule bawaxabela amaHagaren, awawa esandleni sabo, ahlala ezintenteni zawo ezweni lonke lasempumalanga laseGiliyadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngemihla kaSawule amaRubhen aqhwaya imfazwe, alwa namaHagri, aza awoyisa. Ayithimba ke imizi yamaHagri kuwo wonke umhlaba ongakwimpuma yeGiliyadi.