1 Chronicles 5:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bebesiwa abaninzi abahlatyiweyo, ivela kutixo nje imfazwe leyo. Baza bahlala ezikundleni zabo kwada kwabako imfuduswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba babebaninzi ababuleweyo, ngokuba imfazwe leyo ibiyekaThixo; Bahlala ke endaweni yabo kwada kwathinjwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabulawa amaHagri amaninzi, kuba loo mfazwe yayiphuma kuThixo. AmaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase ahlala ezikhundleni zamaHagri ada athinjwa.