1 Chronicles 5:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza utixo wo‐Sirayeli wawuvusa umoya ka‐Pule ukumkani we‐Asiriya, nomoya ka‐Tiligate‐pinesere ukumkani we‐Asiriya, owabafudusayo, kwa ama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, wabazisa e‐Halahi, nase‐Habore, nase‐Hara, nasemlanjeni we‐Gozane, kwada kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli, ukumkani waseAsiriya, nomoya kaTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wawafudusa amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wabasa eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni oyiGozan, unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo kaSirayeli wawukhupha umoya kaPule, ukumkani waseAsiriya, nomoya kaTilegati-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wabasusa, amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase; babazisa eHala, naseHabhore, naseHar, besa emlanjeni oyiGoshan, unanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko uThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli ukumkani waseAsiriya (lo ukwabizwa ngokuba nguTigelate-pilezere) wazifudusa ezi zizwe, wazisa eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni iGozan, apho zisekhona unanamhla.