1 Chronicles 7:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bonke aba bebengonyana baka‐Yedaheli, intloko zendlu zoyise, amaṙoti akalipileyo, bengamawaka alishumi linesixe̔nxe, anamakulu mabini, abapuma nomkosi ekulweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke oonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, baba lishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosiumkhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakaYediyali aba babeziinkulu zezindlu, bengamagorha anobukroti. Inzala yabo ibilishumi elinesixhenxe lamawaka anamakhulu amabini amadoda anokungena emkhosini.