1 Chronicles 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nonyana baka‐Tola: ngu‐Huzi, no‐Refaya, no‐Jeriyeli, no‐Jamai, no‐Yibesame, no‐Shemuweli, intloko zendlu yoyise yabo, zeka‐Tola: bebengamaṙoti akalipileyo ezizukulwaneni zabo: bebengamawaka angamashumi mabini anesibini, anamakulu matandatu, inani labo emihleni ka‐Davide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamuweli, iintloko zezindlu zooyise zikaTola;amagorha anobukroti, ngokweenzala zawo. Inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu amathandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaTola nguAsheri; no-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYagemayi, noIbhesam, noSemuweli, iintloko zezindlu zooyise zakwaTola; babengamagorha akhaliphileyo kwizizukulwana zabo; inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mathandathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noJeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamweli. Babeziinkulu zezindlu zakwaTola. Ngemihla kaDavide amadoda akwaTola anokungena emkhosini ayengamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amathandathu.