1 Chronicles 7:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
no‐Zabadi unyana wake, no‐Shutela unyana wake, no‐Hezere, no‐Elehadi. Kekaloku amadoda ase‐Gate, abezelwe elizweni elo, ababulala, ngokuba bebehlile ukuza kutimba inkomo zawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
noZabhadi unyana wakhe, noSutela unyana wakhe, noEzere, noEladi, ababulala abantu baseGati ababezalelwe kwelo zwe, ngokuba babehle beza kuthimba imfuyo yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uTahati wazala uZabhadi, uZabhadi wazala uShutela. Abanye oonyana bakaEfrayim, uEzere noEladi, babulawa xa babefuna ukuthimba imfuyo yabantu baseGati.