1 Chronicles 7:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wangena kumfazi wake, owakaulayo, wazala unyana, waza wambiza ngegama elingu‐Beriha, ngokuba ilishwa belihlile indlu yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya; ngokuba bekuhle ububi endlwini yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko umkakhe wamitha, wazala unyana, waza uEfrayim wamthiya igama elinguBheriya, kuba indlu yakhe ibihlelwe lilishwa.