1 Chronicles 7:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku imfuyo zabo nendawo zabo zokuhlala zizezi: i‐Betele namagxamesi ayo; nangasempumalanga, i‐Naharane; nangasentshonalanga, i‐Gezere namagxamesi ayo; kwa ne‐Shekeme namagxamesi ayo, kwada kwase‐Gaza namagxamesi ayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izinto zabo neendawo zabo zokuhlala zaba: iBheteli namadlelo ayo, neNaharan nentshona yeGezere namadlelo ayo; noShekem namadlelo ayo, kwesa eGaza namadlelo ayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umhlaba abema kuwo oonyana bakaEfrayim yiBhetele namaphandle ayingqongileyo. Ngasempumalanga umda ubuma ngeNaran, ngasentshona ume ngeGezere neelali eziyingqongileyo, uye kutsho naseShekem neelali zakhona, naseAya neelali zakhona.