1 Chronicles 8:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naba bangonyana baka‐Ehudi: aba bazintloko zendlu zoyise zabemi base‐Geba, ababefuduselwa e‐Manahate:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo abo oonyana bakaEhudi, abo baziintloko zezindlu zooyise kubemi baseGebha; babafudusela eManahati:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo aba oonyana bakaEhudi: zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabemi baseGebha, baya eManahati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakaEhude nguNaman, noAhiya, noGera. Babeziinkulu zezindlu zaseGebha, ezo zanyanzelekayo ukuba zifuduke, zaza zaya eMahanati, zikhokelwa nguGera uyise kaUza noAhihudi.