1 Chronicles 9:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo o‐Sirayeli bonke baba̔lelwa ngokuzalwa: bona ke, baba̔lwa encwadini yokumkani bo‐Sirayeli no‐Juda, ababefuduselwa e‐Babilone ngenxa yokugqita kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa: nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke ke oonyana bakaSirayeli babalwa ngokwemizalwane; nabo babhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda abathinjelwa eBhabhiloni ngenxa yokunxaxha kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli onke adweliswa ngokwemilibo yawo encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaJuda athinjwa, asiwa eBhabheli, ngenxa yokunganyaniseki kwawo.