1 Chronicles 9:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati inxenye yabo bapezu kwezinto zenkonzo, ukuba bazingenise ngenani, nokuba bazipumise ngenani kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inxenye kubo ibiphethe imisebenzi yenkonzo, ukuze bayingenise, bayikhuphe ngokomzekeliso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo.