1 Corinthians 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ndiyanikunga, bazalwana! ngalo igama lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba nibe nokuteta okukwa kunye nonke, ize zingabiko impambano pakati kwenu, kodwa nibe nizalisekile kolukwa lunye uluvo nakwekwa nye ingcingo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.