1 Corinthians 10:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko silingo esinibambileyo, kupela sesobuntu; kodwa unyanisekile utixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngokupezulu kwamandla enu; koko eya kuyenza kwa kunye nesilingo nendlela yokupuma, ukuba nibe namandla okunyamezela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako;owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Anibanjwanga sihendo singesabantu; kodwa uThixo uthembekile, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, nibe nako ukuthwala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.