1 Corinthians 10:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa xeshekweni kuko oti kuni: Yinto ebingelweyo isitixo le; ningatyi ke, ngenxa yalowo waxelayo, nangenxa yesazeliso: ngokuba umhlaba ngo kayehova, nokuzala kwawo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo nto, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba kukho onithele thsuphe ukuba nitya ukutya kwedini, musani ukukutya ke oko kutya, ngenxa yalowo unixeleleyo, nangenxa yesazela.