1 Corinthians 11:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pofu aninazo izindlu zokuba kutyiwe kuselwe kona yinina? niyadela iṙemente katixo, nidanise abasweleyo, kusinina? Nditi nina kuni? ndinincome na kuko oku? Andincomi ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanene aninazindlu na zokudlela nokusela? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndithini na kuni? Ndinidumise na kule nto? Andinidumisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yintoni na? Aninazindlu zokudlela nokusela na? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndithini na kuwe? Ndinidumise na kule nto? andikuncomi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aninamakhaya apho ningatya nisele khona? Mhlawumbi ngaba nilidelile ibandla likaThixo, nihlaza abo basweleyo nje? Nilindele ukuba ndithini ngale nto? Ngaba nilindele ukuba ndinincome? Nakanye!