1 Corinthians 11:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba mna bendikwamkele enkosini oko endati kanjalo ndakunikela kuni: okokuba inkosi u‐Yesu ngobobusuku ibingcatshwa ngabo yatabata isonka;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba mna ndakwamkela kuyo iNkosi oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba mna ndakwamkela eNkosini oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku le mfundiso ndaninika yona, mna ndayamkela kuyo iNkosi: Le yokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyanikelwa ngabo yathatha isonka,