1 Corinthians 11:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ke umntu ulambile, makatye ekaya; ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Nezinto eziseleyo ndoti nxa sukuba ndifika ndizilungise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke ubani ulambile, makadle ekhaya, ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Eziseleyo ke iindawo ndozilungisa, xa ndithe ndafika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ubani ulambile, makatye ekhaya; ukuze ningahlangani ndawonye ukuze nigwetywe. Eziseleyo ke iindawo ndozilungisa ndakufika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba kukho olambileyo, makaqale atye ekhaya, ukuze ukuhlangana kwenu kunganizeli nokugwetywa. Eminye imicimbi ndoyiphonononga ndakuba ndifikile apho.