1 Corinthians 11:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umfazi osukuba etandaza umhlaumbi eprofitesha, ontloko ingenasigqubutelo, uyahlazisa intloko yake: ngokuba oko kukwa yiyo into ekwa nye nokuguywa kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kunto-nye nokuba uchetyiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kunto-nye nokuba uchetyiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi!