1 Corinthians 11:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umfazi ukuba akagqubuteli, makagugulwe kanjalo: kodwa ukuba kuyinto embi kumfazi ukuba agugulwe umhlaumbi aguywe, makagqubutele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba akathwali nto, makasuke agugule intloko kube kanye. Njengoko kulihlazo ukuba umntu obhinqileyo achetywe okanye abe nenkqayi, umfazi ke makathwale.