1 Corinthians 11:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba indoda okunene ingafanelwa kukugqubutela intloko, ingumfanekiso nobungcwalisa bukatixo nje: kodwa umfazi ububungcwalisa bendoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukho mfuneko yokuba ithwale indoda, kuba ibonakalisa umfanekiso nesidima sikaThixo. Umfazi ke liqhayiya lendoda yakhe.