1 Corinthians 12:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kanjalo ngomoya mnye tina sonke sabapitizeshelwa emzimbeni mnye, nokuba singama‐Juda, nokuba singama‐Girike, nokuba singamakoboka, nokuba singabakululekileyo; sati ke sonke sasezelwa kumoya mnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike, nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; nokuba sasezwa Moyeni mnye sonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.