1 Corinthians 12:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako abanye utixo ubabekile eṙementeni, ngokwokuqala abapostile, ngokwesibini abaprofite, ngokwesitatu abafundisi, emva kwoko imimangaliso, kamva izipiwo zokupilisa, intsizo, impato, intlobo ngentlobo zenteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi;kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo ebandleni lakhe unocwangco: Kuqala *ngabathunywa, kulandele *abashumayeli, kuze abefundisi; emva kwabo ibe ngabenza imiqondiso, ibe ngabanegunya lokuphilisa, abancedisi, abakhokeli, nabathetha iilwimi.