1 Corinthians 13:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kaloku nje sibona ngayo incwadi ekusiteni, kodwa oko sobona ubuso ngakubo ubuso: kaloku nje ndiyazi ngokwenxenye, kodwa oko ndiya kwazi ngokukolisekileyo, njengokuba kanjalo bendisaziwa ngokukolisekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndiyazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi, njengokuba ndaziwayo nam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Into esiyibonayo ngoku yimbonakalo nje eluzizi ngokungathi sikhangele esipilini; kanti ke ngoko siya kubona ngokucacileyo. Ukwazi kwam ngoku akugqibelelanga, kanti ke ndokwazi kakuhle ngoko, kufane nokundazi kwakhe uThixo ukwazi kwam.