1 Corinthians 13:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo nakuba ndiyaba yonke impahla yam ngokufunzela amahlwempu, ewe nakuba ndiwunikela umzimba wam ukuze nditshiswe, kodwa ndingenalo utando, andincedwa luto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.