1 Corinthians 14:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okanye xeshekweni ubulelayo ngomoya, woti nina lowo uhleliyo endaweni yongenalufundo ukutsho ukuti Amene ekubuleleni kwako, into uyitetayo engayazi nje?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okanye, ukuba uthe wasikelela ngomoya wodwa, wothini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okanye, ukuba uthe wasikelela ngomoya wodwa, wothini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba udumisa uThixo usemoyeni, ke yena umntu nje okunye nawe, angatsho njani ukuthi: “*Amen,” kuloo mbulelo wakho? Akanandlela yakuthatha nxaxheba, kuba kaloku akeva.