1 Corinthians 14:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
noko entlanganisweni nditanda ukuba nditete amazwi abe mahlanu ngayo ingqondo yam, ukuze ndibafundise nabanye, ngapezu kwokuba nditete amazwi abe mawaka alishumi nge nye inteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa enkonzweni ndikhetha ukuthetha nokuba ngambalwa amazwi aqondakalayo, ukuze abanye bafunde, kunokuba ndenze umlembelele wento engaviwayo ndithetha iilwimi.