1 Corinthians 14:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba otetayo nge nye inteto engateti ebantwini, koko eteta kutixo: ngokuba kungeko mntu o m vayo; kodwa emoyeni uyaziteta imfihlakalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo, kuba akukho namnye umvayo; kanti ke ngomoya uthetha iimfihlelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena othetha ngeelwimi, uthetha noThixo, akabhekisi mntwini, kuba akukho bani uyiqondayo le nto ayithethayo. Kaloku ngamandla kaMoya oyiNgcwele uthetha izinto ezibanqabeleyo abantu.