1 Corinthians 14:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuba̔liwe emtetweni, ukuti: Ngabelwimi zimbi, nangemilomo yasemzini, ndiya kuteta kwababantu; kodwa noko abayi kundipulapula, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko ndiya kwenjenjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko kunjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku *eziBhalweni kuthiwa: “ ‘Ndiya kuthetha kwaba bantu ngabantu abantetho yimbi,’ itsho iNkosi. ‘Ndiya kuthetha ngeelwimi zasemzini, kunjalo nje abayi kundiva.’ ”