1 Corinthians 14:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa xeshekweni bonke baprofiteshayo, kuze kungene umntu ongakoliweyo umhlaumbi ongenalufundo, uyaviswa ityala ngabo bonke, uyagwetywa ngabo bonke;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane; uyaphicothwa ngabo bonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba niyashumayela nonke, kuze kufike umntu nje ozihambelayo okanye umntu ongelokholwa, loo mntu uya kuziva echukumiseka ngenxa yelizwi alivayo. Onke amazwi awevayo aya kumgweba,